You will not be asked any personal detail. You should not respond to any questions unless it comes from this number: TEL: 060 048 0981
Ingaba uziva ngathi uyahlukunyezwa ngumphathi wakho, umntu osebenza naye, umthengisi, umthengi okanye umqeshwa wangaphandle?
Ingaba uye uzive ngathi uphathwa ngendlela ehlukileyo kwizinto ezidibene nomsebenzi ngakumbi ngenxa yohlanga lwakho, isini sakho, ubuhlanga bakho okanye imvelaphi yentlalo yakho, uqhelaniso lwakho ngezesondo, ubudala bakho, ukholo lwakho, ulwimi lakho, uluvo lwakho kwezopolitiko, njalo-njalo?
Ingaba uye uzive ngathi umphathi wakho, umntu osebenza naye, umthengisi, umthengi okanye umqhashwa wangaphandle usoloko ekugxeka ngohlobo olujongela phantsi isidima sakho okanye ngohlobo olungajongani ngqo neyona ngxaki ikhoyo phakathi kwenu?
Ingaba namphi na umphathi, umntu osebenza naye, umthengi, umthengisi okanye umqeshwa wangaphandle usebenzisa indlela yothetha ephoxayo okanye izijekulo eziphoxayo xa ethetha nawe, nokuba kuxa uwedwa okanye niliqela?
Ingaba namphi na umphathi, umntu osebenza naye, umthengi, umthengisi okanye umqeshwa wangaphandle uye abhekise kuhlanga, isini, inkolelo yakho okanye ezabanye abantu, ngendlela ejongela phantsi, okanye uye enze iziqhulo ezithoba isidima kwiintlanga ezithile?
Ingaba namphi na umphathi, umntu osebenza naye, umthengi, umthengisi okanye umqeshwa wangaphandle usebenzisa ulwimi oluhlukumezayo olungakukhubekisa xa uthetha naye okanye xa ethetha nomye wabantu osebenza nabo?
Ingaba ngamanye amaxesha uye uzive ngathi uyanyotywa okanye uyanyanzelwa ukuba wenze into echasene neejongo zombutho wakho okanye engekhosemthethweni ukuze ufumane izipho?
Ingaba ngamanye amaxesha uye uzive ngathi kuthethwa uthetha, ucinezelwa phantsi, ukhutshiwe okanye uhlaziwe ngumphathi, umntu osebenza naye, umthengi, umthengisi okanye umqeshwa wangaphandle, eyenza ukuba ungathathi nxaxheba ngokukhululekileyo kwiingxoxo?
Ingaba uye izive ngathi umphathi wakho, umntu osebenza naye, umthengi, umthengisi okanye umqeshwa wangaphandle usebenzisa iingcebiso ezidibene nomzimba wakho okanye womntu osebenza naye, okanye ubudala benu, unqulo lwenu, inkolelo yenu okanye izinto ezinjalo?
Ingaba umphathi wakho umntu osebenza naye, umthengi, umthengisi okanye umqeshwa wangaphandle uye enze intlekisa ngeemeko zabucala okanye uye angazihoyi imeko zakho zabucala xa uneengxaki emsebenzini?
Ingaba uziva ngathi umphathi wakho, umntu osebenza naye, umthengi, umthengisi okanye umqeshwa wangaphandle usoloko edlala ngeemvakalelo zakho ngokukuhleba okanye ngokusasaza amarha ngawe?
Ingaba umphathi wakho, umntu osebenza naye, umthengi, umthengisi okanye umqeshwa wangaphandle ukuthumelela imifanekiso edibene nesondo okanye uzithumelela omnye wabantu osebenza nabo?
Ingaba namphi na umphathi, umntu osebenza naye, umthengi, umthengisi okanye umqeshwa wangaphandle wake wakubamba okanye waziphatha ngendlela ekwenza ungakhululeki?
Ingaba uziva ngathi ubekelwa bucala okanye awuhoywa kunyuselo lwesikhundla okanye kumathuba ophuhliso ngenxa yokuzibandakanya kwakho neliphi na iqela, lonto ikwenze ukuba wohluke kwabantu osebenza nabo?
Wakhe wasongelwa (ngentetho, ngokubhalwa okanye ngezijekulo) okanye waziva usongelwe zizenzo zomnye kulendawo usebenza kuyo, okanye ngaphandle kwalendawo usebenza kuyo ngumntu ekufuneka usebenze naye?
Wakhe wonzakala emzimbeni okanye woyikela ukhuseleko lwakho phakathi emsebenzini okanye ngaphandle ngenxa yezenzo zomphathi, umntu osebenza naye, umthengi, umthengisi okanye umqwesha wangaphandle?
Ingaba umphathi wakho uye akubeke kwiimeko ezenza indawo yokusebenza inganyamezeleki ngenjongo yokuba uyeke umsebenzi?
Ingaba uziva ungenamandla xa kufuneka uxele naziphi na iziganeko zokuhlukunyezwa emsebenzini?